Menu Close

Noya na

Sikuyo indlela yelizwe lobomi,
Ikhaya labantu bahleli ngenyhweba;
Nina ke nahluka kuThixo ngokona,
Nithini? Noya na? Noya na phezulu?

Ndohamba; ndohamba; ndohamba; ndohamba.
Ewe ke, ndohamba ndisiya phezulu.

Usizi, usizi alunakubakho
Kwelo zwe bangcwele abalihambayo.
Bahambi kanzima, nigqitywa bububi,
Nithini? Noya na? Noya na phezulu?

Ndohamba; ndohamba; ndohamba; ndohamba.
Ewe ke, ndohamba ndisiya phezulu.

Hambani, bakhonzi, elo zwe lelethu,
Songqina singqine iinyameko zalo;
Ewe ke, sohamba ngaphezu kwentaba,
Sisele amanzi ovuyo phezulu.

Ndohamba; ndohamba; ndohamba; ndohamba.
Ewe ke, ndohamba ndisiya phezulu.

Nakana ke, moni, asikelahlanga,
Simil’ umzuzwana, simele kwawena;
Yaza ke kuThixo, az’ akusingathe,
Akuse kwangoku, ekusa phezulu.

Ndohamba; ndohamba; ndohamba; ndohamba.
Ewe ke, ndohamba ndisiya phezulu.

Ndicinga ngokuthi usebunzimeni,
Usithi: Ngubani ongalisusayo
Ityal’ elingaka lisentliziweni?
nguYesu kuphela; thandaza ke kuye.

Ndohamba; ndohamba; ndohamba; ndohamba.
Ewe ke, ndohamba ndisiya phezulu.