Menu Close

Ndiyazoluleka Kuwe Izandla

Ndiyazoluleka kuwe
Izandla zam, Bawo.
Onokundiceda nguwe;
Adingenyi ndawo.

Impinda:
Ndiyakholwa, ndiyakholwa;
Ndafelwa nguYesu!
Ndobulela, ndobulela,
Ndokhonza uYesu!

Wena Thixo, wandichonga
Kungengakwenza kwam
Kungoko ndize kumbonga
OnguMsindisi wam.

Yesu, mandive uxolo,
Ndiyek’ ukukrokra;
Ndongezelele ukholo,
Ze ndibe ligorha.

Nceda, Yesu, thandazela
Ndithembeke kuwe.
Ukholo lwam lungaphela
Ndingaxhaswa nguwe.