Ma sibulele KuYesu,
Ngokuba wasifela.
Wasenzela izibele
Ngokusifela kwaKhe.
Taru! bawo,
Yiba nofefe kuthi.
Thina bantwana bemvana
Oweza kuthi apha.
Akwakhetha bala lamntu,
Wafel’ abaziimfama.
Taru! bawo,
Yiba nofefe kuthi.
Abantsudu , nabamhlophe,
Mababule kunye,
Mabavakalise bonke,
Baculele iNkosi.
Taru! bawo
Yiba nofefe kuthi.